Uluhlu lokurhweba lwesikeyile somfama
Ukuhlelwa kwemfuyo
ISEBE LEZOLIMO
Ukukhetha imfuyo eza kuthengiswa
Xa uceba ukuthengisa imfuyo yakho zibuze lombuzo ulandelayo: "Kutheni ndifuna ukuyithengisa imfuyo yam ngeli xesha?"
Izizathu zokuyithengisa umzekelo inokuba:
Izilwanyana sele zikulungele ukuthengiswa kwaye zityetyiswe ngokwaneleyo ukuba zixhelwe.
Zikwiminyaka echanekileyo ukuba zithengwe ngumendle ukuzityebisa ukuze zixhelwe.
Izilwanyana azinanzuzo ingakumbi kwisehlo semfuyo efuyelwa ukuzala esele indala kwaye esele ingasazali
Akukho kutya kwempahla kwaneleyo kokondla imfuyo
Khetha isitokhwe esitsha esiza kuzala uze uthengise intshiyekela phambi kokuba ikhule ibe indala okanye kuxabise kakhulu ukuyigcina
Ukuhlela ngokweempawu
Iimpawu zokuhlela zimiselwa ngokweminyaka, ukutyeba, ukwakhiwa, umonakalo kunye nesini. Unokulindela kuphela ixabiso elihle kwisilwanyane esikwimeko entle yempilo, okukhethekayo phakathi kwamahlelo A no-B, ingabhityi kakhulu okanye ityebe kakhulu kwaye ithenwe (iinkatyana zenkomo ezifuyelwe inyama).
Ukunikwa kwamanqaku ngokwakhiwa kunye nemeko
Ukwakhiwa yindlela umzimba isilwanyana esixheliweyo ojongeka ngaso kunye nolinganiselo phakathi kwenyama nethambo. Imeko yokunikwa kwamanqaku yenziwa ngokuthelekelela ukutyeba kwemfuyo.
Ukutyeba
Ukutyeba kwenyama yenkomo, yetakane, yegusha neyebhokhwe ihlelwa ngokweekhowudi eziqala kwi-0 ukuya kwisi-6.
Iminyaka nokuhlelwa
Ukuhlelwa kumiselwa ngokujonga amazinyo.
Umonakalo
Umonakalo kumzimba wesilwanyana esixheliweyo owenzeka mhlawumbi ngexa lothutho uhlelwa:
ngobuncinane (uDidi loku-1)
Ukuba Phakathi (uDidi lwesi-2)
Ukuba ngaMandla (uDidi lwesi-3)
ISini
Isini sesilwanyanna sibaluleke kuphela kwinyama yesilwanyana esixheliweyo yenkunzi yenkomo kunye nenkunzi yegusha kwiqela leminyaka AB, B no-C
Imifanekiso yamanani:
Yiva ubungakanani bamafutha phantsi kwesikhumba kunye nomlenze kummandla ophakathi kwenyonga nobambo lokugqibela.
iKhowudi yoku-1: Amcaba kakhulu iKhowudi yesi-2: Amcaba kakhulu iKhowudi yesi-3: aPhakathi iKhowudi yesi-4: aNgqukuva iKhowudi yesi-5: aNgqukuva kakhulu
Ukuhlela: Ukuthelekelela iminyaka yenkomo ngokujonga amazinyo ayo.
uHlelo A: ngaphantsi kweminyaka emi-2 yobudala (amazinyo obuntwana kuphela)
uHlelo AB: Iminyaka emi-2 ukuya kwiminyaka emi-2 enesiqingatha yobudala (iluma eli-1 okanye ama-2 asisigxina)
uHlelo B: iminyaka emi-2 enesiqingatha ukuya kwiminyaka emi-3 yobudala (kuthiwa imazinyo ma-4 kwaye inamaluma ama-3 ukuya kwama-6)
uHlelo C: iminyaka emi-4 ubudala (kuthiwa anomlomo ogcweleyo ibe nangaphezulu kwamaluma ama-6)
uHlelo C: iminyaka emi-4 (kuthiwa ngumlomo ogcweleyo ibe nangaphezulu kwamaluma ama-6)
uHlelo A: ngaphantsi komnyaka omnye wobudala (amazinyo obuntwana kuphela)
uHlelo B: iminyaka emi-2 yobudala (kuthiwa imazinyo ma-4)
uHlelo B: iminyaka emi-2 enesiqingatha ubudala (kuthiwa inamazinyo ama-6)
uHlelo C: iminyaka emi-2 enesiqingatha ubudala (kuthiwa inamazinyo agcwele umlomo)
uHlelo C: amazinyo agugileyo nawophukileyo esilwanyana esidala.
